Iimbovane ziqokelela ukutya ezikutyayo.
Imbovane Encinane ingafunda usuku lonke, Ingafunda ifunde kuphele usuku.
Ezinye iimbovane zithatha oko zikufumanayo ukugcinela ubusika ngaphantsi komhlaba.
Umama kunye notata wayo bacaphuka kakhulu, kwaye Imbovane Encinane yaziva idakumbile ngokwenyani.
Ekwindla xa amagqabi ewela phantsi, iimbovane kufuneka zigcine ukutya ngaphantsi komhlaba.
The Queen wants food to fill the store, so all the ants must work some more.
Imbovane encinane iqalisa ngokukhwaza ngendawo efunde ngayo.
“Irestyurenti yinto efunekayo, indawo apho abantu batyela khona. Itsho njalo kwiincwadi endizifundayo.”
Iimbovane zahamba ngomkrozo nganye nganye. Zisenza umkrozo ekutshoneni kwelanga.
Kwaye Imbovane Encinane yathi “Hey, naku okunye!”
Iimbovane zihamba ngomkrozo nganye nganye, zithwele i-burger, zithwele ibhansi.
Xa zibuyela Ikumkanikazi iyavuya. Oovimba bagcwele. Zivuya ngathi ziphambene.
Imbovane ifumana ukugonwa ngumama notata.
Udade wayo omncinane ubamba isandla sayo “Ngoku ndicinga ukuba ndiyayiqonda.”
“Indlela othanda ngayo ukufunda incwadi…
Indenza ukuba ndikrwaqule.”
Amalungiselelo Amakhulu Embovane Encinane
Little Ant's Big Plan in Xhosa
Created by Candice Dingwall, Steven McKimmie and Telri Stoop
Translated into Xhosa by Zolile Tricarter Kalashe
This work is licensed under a Creative Commons Attribution 4.0 International License. This means you are free to share (copy and redistribute the material in any medium or format) and adapt it (remix, transform, and build upon the material) for any purpose, even commercially, as long as you give appropriate credit, with a link to your source, and indicate if changes were made. You may do so in any reasonable manner, but not in any way that suggests the licensor endorses you or your use.