Nge Cawa, u-Jimmy Zogba wafaka inqaku lempumelelo.
Ngomvulo, Iqela labasebenzi be Cool Cat liye landolosa.
“Hey, Rafiki, ziphi iinwele zakho zeqwarha? Iinwele zakho ziqhelekile, ngokungathi awukhathali.”
“Hey, Rafiki, iphi itattoo yakho yenkohliso? Ulusu lwakho luyadinisa. Nawe ngokunjalo.”
“Hey, Rafiki, maphi amazinyo egolide akho? Amazinyo akho ayaxengaxenga, yiyo lonto.”
Ngalo olosuku, u-Rafiki wahamba ngokucothayo ukuya ekhaya.
“Makazi, ungandicheba iinwele zeqwarha?”
“Andinako ukukucheba iinwele zeqwarha. Ngokwenene, andisoze ndibenaso isibindi.”
“Ulusu lwam luyadinisa kakhulu, Sisi. Ungayenza itattoo yenkohliso?”
“Awuyifuni enye ekhangeleka njengawe.”
“Tat’omkhulu, ndiyanqwenela ukubanamazinyo egolide athile.”
“Amazinyo egolide, mntwana wam, awathethi nto.”
Kwimpela veki elandelayo, u-Santi Ramires wafaka inqaku lempumelelo.
Ngo Mvulo, Iqela labasebenzi be Cool Cat liye landolosa.
“Hey, Rafiki! Ukhangeleka kakuhle!”
U- Rafiki unyikinya amagxa. “Ndikhangeleka njengam; esi stayile sesam.”
Istayile sika Rafiki
Rafiki's Style in Xhosa
Created by Louis Greenberg, Audrey Anderson, Wesley Thompson
Translated into Xhosa by Zolile Tricarter Kalashe
This work is licensed under a Creative Commons Attribution 4.0 International License. This means you are free to share (copy and redistribute the material in any medium or format) and adapt it (remix, transform, and build upon the material) for any purpose, even commercially, as long as you give appropriate credit, with a link to your source, and indicate if changes were made. You may do so in any reasonable manner, but not in any way that suggests the licensor endorses you or your use.