UFudo ufumene ikhaya lakhe

Tortoise passes snail in the veld.

Ngenye imini uFudo wayehamba-hamba ethafeni. Wayekhanga-khangela efuna-funa.

Waqwalasela mgama, encine namehlo kuloo ngca. Waza ke wadlula kuNkumba.

“Ingaba kukho into oyikhangelayo?” wabuza uNkumba.

“Ewe Nkumba, ndikhangela indlu yam. Ingaba ukhe wayibona?” kubuza uFudo.

Snail travels on Tortoise's back.

UNkumba wathi, “Hayi, andikhange ndiyibone, kodwa ndiza kukukhangelisa!”

Wakhwela ke kwiqokobhe likaFudo. UFudo wahamba ebeleke uNkumba emhlana.

Bakhangela bakhangela, kodwa kwakungekho nomncinci umkhondo wendlu yakhe. Ilanga lalisele lenyukele phezulu esibhakabhakeni.

Sparrow perches on a branch. Tortoise and Snail pass him.

Emva kwethutyana badlula kuNgqatyana. “Ingaba kukho into eniyikhangelayo?” wabuza uNgqatyana.

“Ewe Ngqatyana, ndikhangela indlu yam. Ingaba ukhe wayibona?” wabuza uFudo.

UNgqatyana wathi, “Hayi, khange ndiyibone, kodwa ndiza kunikhangelisa!”

Snail sits on Tortoise's back. Sparrow flies ahead of them. There is a ladybird on a dandelion in the distance.

Waphakuzelisa iimpiko zakhe, wabhabha, wakhokela uNgqatyana.

“Kodwa ukhawuleza kakhulu kunam,” ukhalaze watsho uFudo.

UNgqatyana wabuya kwa oko. “Kulungile ke, ndiza kubelekeka ke nam.”

UFudo waqhubeka nohambo lwakhe, ebeleke uNkumba noNgqatyana. Bakhangela bakhangela, kodwa kwakungekho mkhondo wandlu. Ilanga lalisele lithambeka ngoku.

Ladybird sits on a dandelion stem. Tortoise, Snail and Sparrow pass him.

Emva kwethutyana badlula kuBhantom.

“Ingaba kukho into eniyikhangelayo?” wabuza uBhantom.

“Ewe Bhantom, ndikhangela indlu yam. Ingaba ukhe wayibona?” kubuza uFudo.

Snail, Sparrow and Ladybird travel on Snail's back.

UBhantom wathi, “Hayi, khange ndiyibone, kodwa ndiza kunikhangelisa!”

UBhantom watsibela emqolo kuFudo waza ke uFudo waqhubeka nohambo, ebeleke uNkumba, uNgqatyana noBhantom.

Bakhangela bakhangela, kodwa kwakungekho mkhondo wandlu. Ngoku ke kwakusele kuqalisa umoyana ohlabayo.

The animals find Mouse. He is making a daisy chain.

Emva kwexeshana badlula kuMpuku. Wayebekelela isangqa seentyatyambo.

“Ingaba kukho into eniyikhangelayo?” wabuza uMpuku.

“Ewe Mpuku, ndikhangela indlu yam. Ingaba ukhe wayibona?” kwabuza uFudo.

UMpuku wathi, “Hayi khange ndiyibone, kodwa ndiza kunikhangelisa!”

Watsibela kumqolo woFudo naye.

Mouse climbs on Tortoise's back with the others. The wind blows the leaves and the daisy chain.

UFudo waqhubeka nohambo lwakhe, ebeleke uNkumba, uNgqatyana, uBhantom, kunye noMpuku. Bakhangela bakhangela, kodwa kwakungekho mkhondo wandlu.

Umoya wawuphaphathekisa amagqabi aze ajikeleze ngasezinyaweni zikaFudo.

UFudo wafunyanwa kukudinwa. “Nina niyandisinda,” watsho ngesingqala.

Tortoise walks with Mouse, Snail, Sparrow and Ladybird on her back.

Umoya waya uqina ngokuqina. Isibhakabhaka saguquka saba mnyama.

“Owu, ingaba iphi na indlu yam?” Kwavakala iindudumo ezindulini.

Kwalenyeza imibane mgama. Chapha-chapha yaqalisa ukunetha imvula.

“Owu, ingaba iphi indlu yoFudo?” kwabuza uNkumba, uNgqatyana, uBhantom kunye noMpuku.

The wind gets stronger. The rain threatens. The animals all fly off Tortoise's back.

Umoya wavuthuza kakhulu. Waphaphathekisa uNkumba, uNgqatyana, uBhantom kunye noMpuku baya kuwa qelele.

The hail comes down. Tortoise curls up in her shell. The other animals stand nearby.

Emva koko kwalandela isichotho, qhufu-qhufu-qhufu. UFudo woyika kakhulu kangangokuba wazisonga wangena kwiqokobhe lakhe. Kwakushushu kamnandi ke apho.

“Owu, nantsi ke indlu yam!” watsho uFudo.

Mouse, Ladybird, Snail and Sparrow take shelter underneath Tortoise's shell.

“Owu, nantsi ke indlu kaFudo!”