U-Daisy Omangalisayo

Daisy stands outside her chicken coop.

Kwathi ke kaloku ngantsomi kwifama encinane kufuphi nelali encinane…

kwakuhlala khona inkukhu encinane ebizwa ngokuba ngu Daisy.

The other chickens laugh as Daisy tells them her plans.

“Xa ndikhula, ndifuna ukubhabhela phezulu, phezulu esibhakabhakeni,” watsho u-Daisy.

Kodwa zonke ezinye iinkukhu zamhleka.

The other chickens tease Daisy. Her mother comforts her.

“Awuqhelekanga,” zatsho.

“Asoze siphinde sidlale nawe.”

“Daisy, sonke singabhabhazela amaphiko ethu kodwa kunzima kakhulu kwiinkukhu ukuba zibhabhe,” U-Mama wamxelela.

All alone, Daisy practises flying outside the chicken coop.

U-Daisy zange anikezele.

Ngazo zonke iintsuku waziqhelisa, eqhwaba amaphiko akhe.

Wabhabhazela, wabhabhazela, wabhabhazela, ebhabhazela amaphiko akhe kodwa wayengenako ukuphakama asuke emhlabeni.

Daisy imagines herself flying.

Ngelixa eziqhelisa, umfanekiso-ngqondweni wokubhabhela phezulu esibhakabhakeni kwaye ejonge kwiinkukhu ngezantsi.

Ebebanomfanekiso-ngqondweni wokubhabha edlula oonondlwane kwaye edlula iinkonjane.

“Huntshu!” iintaka zathi.

“Inkukhu engabhabha!”

Daisy flaps her wings. Daisy crashes to the ground.

Ngoko ke … wabhabhazela, wabhabhazela, wabhabhazela, ngazo zonke iintsuku

U-Daisy ube ngabhabhazela amaphiko akhe.

Ube ngaphakama ukusuka emhlabeni kodwa awele phantsi kwakhona.

Daisy complains to her mother.

“Asoze ndikwazi ukubhabha!” U-Daisy walila kumama wakhe. “Abanye banyanisile.”

“Daisy, wohlukile kwezinye iinkukhu.

Azifuni ukubhabha kodwa uyafuna! Ungakwenza oko,” Watsho uMama.

Daisy climbs the wall of the chicken coop.

Kusuku olulandelayo u-Daisy wakhwela ngaphezulu kwendlu yeenkukhu kwaye wabhabhazela, wabhabhazela, wabhabhazela, wabhabhazela amaphiko akhe.

Wabhabhela emoyeni kwaye wabhabhazela amaphiko akhe …

kwaye wabhabhazela amaphiko akhe …

kwaye wabhabhazela amaphiko akhe …

kwaye …

Daisy falls on the ground with a thud.

BAM!

Ezinye iinkukhu zahlekela phezulu. “Ha ha ha! Sikuxelele!

Iinkukhu azinako ukubhabha!”

Daisy flaps her wings and stays in the air.

Kodwa kusuku olulandelayo u-Daisy wakhwela ngaphezulu, phezulu encotsheni karontabile.

Wabhabhazela, wabhabhazela, wabhabhazela, u-Daisy wabhabhazela amaphiko akhe.

Wabhabhela emoyeni kwaye wabhabhazela

amaphiko akhe … kwaye wabhabhazela amaphiko

akhe … kwaye wabhabhazela amaphiko akhe …

Daisy confidently flies alongside a swallow and a sparrow.

Waqhubeka ebhabha!

Umoya ngaphantsi kwamaphiko akhe wabamninzi kwaye wabhabha ukuya phezulu nangaphezulu!

Oonondlwane kunye neenkonjane zathi,

“Ngumangaliso! Inkukhu ebhabhayo!”

The other chickens climb to the top of the chicken coop.

Kwaye ezinye iinkukhu zazifuna ukufana naye.

Zathi,

“Oh Daisy, uyamangalisa!”