USindiwe kunye neenkanyezi

A young Sindiwe reads a book.

Ngenye imini kwazalwa usana olukrelekrele kakhulu kumhlaba wakuGungululu oseMpuma Koloni. Igama lolo sana yayinguSindiwe Magona. USindiwe wayengoyena mdala kubantwana abasibhozo bakowabo.

Sindiwe sits on a log. It is dark and there are stars in the sky.

Ngokuhlwa, umakhulu wakhe wayembalisela amabali amnandi ngokumangalisayo malunga namagongqongqo kunye nezigebenga, izilwanyana zasehlathini, izilo ezikhulu ezoyikekayo, kunye nezilwanyana ezincinane zasethafeni.

Eli yayilelona xesha wayelithanda uSindiwe.

Young Sindiwe stands by the chalkboard like a teacher.

USindiwe wayesithanda kakhulu isikolo kwaye wayenephupha lokuba ngutitshala ngenye imini.

Sindiwe is at a party with her family. A man sings to her.

Ukufikisa kwakhe uSindiwe, abazali bakhe bamenzela umsitho wokubhiyozela oku. Wanikwa izinto ezikhethekileyo zokunxiba saze isilumko sexhego sambonga senjenje:

Iintsikelelo, ubomi obude! Zanga izinyanya zakho zingakukhusela!

Sindiwe stands outside a classroom packed full of children.

USindiwe waqeqeshelwa ukuba ngutitshala.

Wayechulumance kakhulu kukuba ngutitshala kwisikolo sakhe sokuqala awafundisa kuso. Kodwa kwakungekho zidesika zokuhlalisa abantwana nazincwadi zokuba babhale. Oku kwamoyikisa uSindiwe. Uza kuba ngutitshala obalaseleyo kanjani xa abantwana bengenandawo yakuhlala nazinto zakubhala?

Sindiwe wears a maid's uniform. She dusts and and cleans a house.

She left the school to work as a cleaner.

Wasishiya eso sikolo waza waya kusebenza njengomcoci. Wayesebenza kwimizi emine eyohlukileyo. Ngamanye amaxesha abanini nabanikazi bale mizi babemphatha gadalala, ze ingamonwabisi loo nto uSindiwe.

Sindiwe is on an aeroplane with her three children.

Ngalo lonke eli xesha uSindiwe wayefunda. Ukusebenza nzima kwakhe kwamvuza! Waphumelela isimemo nenkxaso-mali yokuya kufunda kwidyunivesithi yaseNew York. Yena nabantwana bakhe abancinane abathathu bapakisha iibhegana zabo baze babhabha ngenqwelontaka, becanda ulwandle ukusinga eMerika.

Sindiwe studies at her desk.

Apho ke uSindiwe wafundela ukuba ngunontlalontle. Wayefuna ukunceda iintsapho ngeentsapho ukuba ziphile ubomi obungcono.

Sindiwe carries a suitcase. She stands outside the United Nations building.

Akugqiba ukufunda, wasebenza kwaseMerika apho iminyaka engamashumi amabini.

Sindiwe holds hands with many people of different cultures.

Ngethuba elapho, uSindiwe wabalisela ihlabathi malunga noMzantsi Afrika, nendlela ekwakunzima ngayo kuninzi lwabantu ababehlala apha.

Sindiwe packs her suitcase.

Kodwa uSindiwe wayelikhumbula ilizwe awazalelwa kulo. Wayefuna ukubalisa amabali akhe kubantu bakowabo. Ngoko ke, wapakisha imithwalo yakhe, wakhwela inqwelomoya wabhabha phezu kolwandle, ebuyela eKapa.

An old Sindiwe reads a story to three children.

Uthando lukaSindiwe lweencwadi kunye namabali lwamnceda ukuba abhale intlaninge yeencwadi. Kwaye abantwana nabantu abadala bayakuthanda ukufunda amabali akhe. Abantu abaninzi bambiza ngokuba “unguNomabali” kuba usoloko ebhala, okanye ebalisa okanye efunda amabali.